- Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela. - Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.
- Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona.
- Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
- “Yahlukanani ke nazo ezo zithixo zasemzini ninazo,” watsho uYoshuwa, “nize ke nizinikele ngomxhelo wonke kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.”
- Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
- Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;
umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...