- Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke. - Othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.
- Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso. - Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya. - Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;
ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.
Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;
ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.
Ludangazela ngathi lidangatye,
luvuthe ngathi ngumlilokazi. - Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.
- Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi. - Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’
- Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni. - Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;
ndochulumacha kuba uyandihlangula.
Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele. - Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
- Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni. - Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
- Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho. - Mfo wam, ndingonwaba kakhulu
xa ingqondo yakho idlamkile. - Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.” - Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa? Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.
- Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. - Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. - Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo. - Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.
- Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.
- Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
