DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuxabisekile

  • Kum uxabisekile ke kambe;
    yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
    Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
    ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
  • Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!
    Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!
  • Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
    Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
    isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.
  • Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
    Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
    Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
    Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
    ube negama elihle kuThixo nasebantwini.
  • Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
  • Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!
  • Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
  • Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.
  • Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela.
  • Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.
  • Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
  • Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
    ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
  • Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela