DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nobuhle

  • Awumhle ngako, sithandwa sam!
    Umhle ngenene, awunasiphako!
  • Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.
  • Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;
    kuphela ngumfazi ohlonela uNdikhoyo oya kubongwa.
  • Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
    Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
    isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.
  • Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
    nditsho mna kanye lo!
    Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
    Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
    ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
    Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
    Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
  • Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”
  • Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.
  • Abafazi bona mabandileke, banxibe ngesidima, bathozame; iinwele bangazihombisi ngokugqithisileyo. Mabangayokozeli ngamaso egolide, nawamatye exabiso, bawunduzelise ngeelokhwe zeendleko. Ndaweni yaloo nto mababe nemisebenzi emihle efanele amakhosikazi abanga igama lobuKrestu.
  • Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
    ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.
  • Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
  • Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
  • Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela