- Ndohlala ndimbonga uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa. - Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam. - Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo. - Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo! - Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo. - Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki. - Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo. - Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo. - Kodwa ubafulathele abenzi bobubi,
abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni. - Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba. - Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo. - UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.Ivesi elandelayo!