- Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.
- “Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.
- Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.
- Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
ngonaphakade kanaphakade!” - Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
- Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu! - Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
- Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.
- Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.
- Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuza kwesibini
Nani ke ngoko hlalani...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Izithembiso
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:“Quqelani kum, niphile.”