- Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
- Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.
- “Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.
- Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.
- Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
ngonaphakade kanaphakade!” - Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu! - Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
- Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.
- Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.
- Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuza kwesibini
Nani ke ngoko hlalani...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Ukuphela kwexesha
Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”