- Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”
- UNdikhoyo utsho ukuthi:
“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;
ngani ke ukuba woyike umntu –
into evuthuluka njengengca?” - Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. - Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe! - Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.
- Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.
- Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.”
- Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;
kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa. - Amasiko eentlanga angamampunge nje.
Bagawula umthi ehlathini,
ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
uhonjiswe ngesiliva nangegolide,
ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
Oothixo abanjalo bafana nonomgogwana
oxhonywe entsimini yentyabontyi:
abakwazi kuthetha,
bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.
Musani ukuboyika:
akukho nto imbi banganenza yona,
kungekho nanto banokunceda ngayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Isibindi
NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela...
Ukhuthazo
NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela...
Ukukhathazeka
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.Ivesi elandelayo!
