DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Uguqulo (2/2)

  • Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.
  • Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,
    nithethe naye nithi:
    “Sixolele bonke ubugwenxa bethu,
    uze wamkele okulungileyo;
    endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.”
  • Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
    bendinganiphokozela umoya wobulumko,
    ndabelane nani ngolwazi lwam.
  • Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.
  • Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.
  • Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke.
  • Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,
    size sibuyele kuNdikhoyo.
  • UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”
  • Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.
  • UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.
  • Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.
  • Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye, ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo, mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.
  • Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza, sifundisa ngobhaptizo, nokubekwa kwezandla, ngokuvuka kwabafileyo, nomgwebo ongunaphakade.
  • Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’
  • Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, ndibonisa ukuguquka kwenu; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam. Andikufanelanga nokukhulula izihlangu ezi zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.
  • Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela