DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Uthando (5/5)

  • Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe. Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.
  • Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
    ewe, makudunyiswe igama lakho,
    ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
  • Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
  • Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
  • Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
    koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
    Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
    kaloku yena unesisa kwanemfobe,
    uza kade umsindo,
    yimvuze-mvuze ngobubele;
    ewe, unebuyambo, akananqala.
  • Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
  • Aa! Bayethe, Mhlekazi!
    Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
    oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
  • Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
    bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
    koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
    nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.
  • Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.
  • Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.
    Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
    umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.
  • Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela