DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Uthando (5/5)

  • Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.
  • Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
  • Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
    koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
    Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
    kaloku yena unesisa kwanemfobe,
    uza kade umsindo,
    yimvuze-mvuze ngobubele;
    ewe, unebuyambo, akananqala.
  • Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
  • Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
    ewe, makudunyiswe igama lakho,
    ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
  • Aa! Bayethe, Mhlekazi!
    Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
    oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
  • Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
  • Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
    bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
    koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
    nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.
  • Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.
  • Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.
    Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
    umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.
  • Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.