- UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.
- Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”
- Ningawuphawula ngale nto ke wona umoya ovela kuThixo: Ukuba umntu uyavuma ukuba uYesu Krestu weza engumntu, unoMoya ovela kuThixo. Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
- Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.
- Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”
- Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”
- Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
- Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.”
- Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.
- Kaloku uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo.
- UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.
- Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.
Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,
khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke. - Bâthetha ngaye bonke abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.
- Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.Ivesi elandelayo!
