DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UYesu (7/8)

  • Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.
  • Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
  • Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
  • UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
  • Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.
  • Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa ngumshumayeli, esithi: “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
  • UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.
  • Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
    udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
    kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
    lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
    omveli yakhe isukela kwamandulo,
    kwimihla yasephakadeni.
  • Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
  • Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
  • Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
  • Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
  • UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”
  • UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
  • Bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, kuba bambona bonke, babethwa luvalo. Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.”
  • Akakho apha, uvukile. Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, esithi: ‘UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’
  • Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
    Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
  • Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
  • Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
  • Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
    Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
    Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
    ethobekile, ekhwele idonki,
    nditsho ithole, inkonyane yedonki.
  • Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
  • Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe.
  • Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
  • Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”
  • Niyabona, siya eJerusalem, apho uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.

UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela