- Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.
- Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.
- Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
- UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”
- Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”
- Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”
- Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.
- Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
- Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”
- Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini. - Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.
- Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.”
- Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele. Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.
- UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, wanyuswa wasiwa ezulwini.
- Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”
- Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
- Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
- Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”
- Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.
- Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu.
- Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”
- Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.
- Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.
- Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
- Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
