- Úya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
- Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.
- Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”
- Wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”
- UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”
- Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”
- Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
- Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.
- Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
- Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.
- Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini. - Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
- Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele. Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.
- Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”
- Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.
- Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”
- Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
- Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”
- Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.
- UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, wanyuswa wasiwa ezulwini.
- Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu.
- Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.
- Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
- Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
