DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Amandla (2/2)

  • Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
    bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
    koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
    nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.
  • Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.
  • Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
  • Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.
  • Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
  • Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;
    wena ungumlawuli weento zonke.
    Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.
    Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.
  • Amandla akhe amtsho angafikeleleki;
    usulungekile, ebalasele ngobulungisa;
    akukho bani amcinezelayo.
  • Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?
    Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?
    Mna Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;
    ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.
  • Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.
  • Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.
  • Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.
  • Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
    ndiyihlangule indlu kaJosefu.
    Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
    kaloku mna ndinenceba ngabo.
    Boba ngathi zange ndibalahle.
    Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
    ndaye ke ndobaphendula.
  • Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”
  • Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela