- Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo. - Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke. - Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso. - Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho. - Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho. - Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni. - Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi. - Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;
ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho. - Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. - Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
kuba ndihamba ngemimiselo yakho. - Sendingxamile, andisayi kulibazisa;
ndozithobela iziyalo zakho. - Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
kuba ndibufumana kuyo ubomi. - Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni. - Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni. - Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho. - Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda. - Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi. - Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini. - Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...