- Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.
- Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.
- Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
- Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
- UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.
- Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.
- Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.
- Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.
- Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
- Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.
- UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.
- Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.
- Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.
- Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda.
- Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.
- Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
- Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa.
- Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;
wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe. - Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.
- Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.
- Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.
- Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.
- UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
- Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.
- Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
Izihloko ezinxulumeneyo
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nangoku wobuya uvelane nathi,izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle.
