- Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
- Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.
- Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
- Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.”
- Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
- Ade uThixo asithululele uMoya wakhe,
nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,
imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi. - Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.
- Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya. - Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
- Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.
- Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
- UMoya weNkosi undongamele,
ngoko ke indithambisile;
indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.
Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,
nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,
ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo. - Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
bendinganiphokozela umoya wobulumko,
ndabelane nani ngolwazi lwam. - Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.
- Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini. - Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.
- Ningawuphawula ngale nto ke wona umoya ovela kuThixo: Ukuba umntu uyavuma ukuba uYesu Krestu weza engumntu, unoMoya ovela kuThixo. Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
- Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.
- Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
- Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
- Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
- Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo. - Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.” Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya.
- Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,
kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.
Izihloko ezinxulumeneyo
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
IPentekoste
Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.Ivesi elandelayo!
