DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Umoya (3/3)

  • Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.
  • Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.
  • Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
  • Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.”
  • Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
  • Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
    ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.
  • Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.
  • Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
  • Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.
  • Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
    Wavela ngesimo sobuntu
    waza wangqinelwa nguMoya,
    wabonwa zizithunywa zezulu.
    Washunyayelwa ezizweni,
    wamkelwa lihlabathi,
    waza wawongwa ezulwini.
  • Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.
  • Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
    bendinganiphokozela umoya wobulumko,
    ndabelane nani ngolwazi lwam.
  • UMoya weNkosi undongamele,
    ngoko ke indithambisile;
    indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.
    Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,
    nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,
    ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo.
  • Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
  • Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
  • Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
    Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
  • Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
  • Ade uThixo asithululele uMoya wakhe,
    nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,
    imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi.
  • Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.
  • Ningawuphawula ngale nto ke wona umoya ovela kuThixo: Ukuba umntu uyavuma ukuba uYesu Krestu weza engumntu, unoMoya ovela kuThixo. Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
  • Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
  • Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela