DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Umthetho (2/5)

  • Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’
  • Nguwo lo umyalelo esiwunikwe nguKrestu ngenkqu: Ukuba umntu uyamthanda uThixo, makamthande nowabo.
  • Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
  • Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.
  • Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
  • Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
  • Ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.
  • Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.
  • Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
  • Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.
  • Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
    kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.
  • Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.
  • Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.
  • Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
    uhlaziya amandla.
    Uthembekile wona,
    kub' unik' isiyatha
    ubulumko.
  • Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
  • Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo umthetho kaMosis.
  • Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.
  • Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.
  • Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.
  • Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
  • Sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.
  • Aa! Bayethe, Mhlekazi!
    Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
    oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
  • Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide.
  • Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;
    kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.
  • Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.

Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
Funda ngokugqithisileyo...