DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Umthetho (3/5)

  • Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
  • Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
    Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
    Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!
  • NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
  • Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
    kuba ndibufumana kuyo ubomi.
  • Kum ziluyolo izithethe zakho;
    zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.
  • Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
  • Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
  • Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.
  • Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
  • Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina. Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.
  • Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.
  • Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
  • Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
    Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela.
  • Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’
  • Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.
  • Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.
  • Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
    ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.
  • Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
  • Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
    xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.
  • Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.
  • Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
    koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
    Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
    ikwandisele iminyaka noxolo.
  • Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.
  • Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
    kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.
  • Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
    kuba ndihamba ngemimiselo yakho.
  • UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”

Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.
Funda ngokugqithisileyo...