- Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide.
- Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
- Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
kuba ndibufumana kuyo ubomi. - NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
- Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi. - Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.
- Sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.
- Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
- Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
- Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
- Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina. Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.
- Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.
- Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. - Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
- Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
- Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.
- Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa. - Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’
- Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi. - Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini. - UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”
- Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.
- Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.
- Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo. - Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
kuba ndihamba ngemimiselo yakho.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.Ivesi elandelayo!
