DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ukuphulaphula (2/2)

  • Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.
  • Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
    wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.
  • Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
    ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
    UThixo wam yena uya kundiva.
  • UNdikhoyo uthi:
    “Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
    Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
    Ndandisithi bokhala kum;
    kwathi kanti bona abakhw' apho.
    Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
    Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.”
  • Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
  • Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.
  • Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
    ndikhala kuwe ndibindekile.
    Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
    usiphulaphule isikhungo sam.
  • Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
    iyiphulaphule imithandazo yawo.
    Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.
  • Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
    walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.
  • Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
    kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.
  • Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.
  • Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.
  • Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.
  • Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
    ndiyihlangule indlu kaJosefu.
    Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
    kaloku mna ndinenceba ngabo.
    Boba ngathi zange ndibalahle.
    Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
    ndaye ke ndobaphendula.
  • Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.
  • Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
    kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela