- Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
- Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
- Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”
- Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.
- Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.
Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo. - Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”
- UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.”
- INkosi ke yadanduluka yathi: “Yaz'ba ndiya kuthuma bani na? Ngubani ongaba sisigidimi sethu?”
Ke mna ndiphendule ndathi: “Thuma mna; ndiyaya!” - Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis, le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.
- Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.
- Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.
- Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini. - Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukukhanya
Khawuvuke! Vuka, Jerusalem! Khanya!...
Ukufunda
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...