- Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.”
- Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.
- Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,
wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi. - Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.
- Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha. - Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.
- Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,
ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha. - Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;
andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe. - Ndohlala ndimbonga uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa. - Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.
- Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam. - Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.
- Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
- Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.
- Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’ Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.
- UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo. - Ndawa emhlabeni, ndaza ndeva ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni na?’
- Ewe, ngaloo mini niya kusuka nithi:
“Masidomboze sibulele uNdikhoyo;
ewe, masiqambe sinqule igama lakhe.
Imisebenzi yakhe masiyibhengeze ezizweni;
masishumayele sibuxele ubukhulu bakhe.” - Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
- Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo. - Amazwi entlebendwane ayanambitheka;
ahla kamnandi athi ngcoo embilinini. - Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
- Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.
- INkosi ke yadanduluka yathi: “Yaz'ba ndiya kuthuma bani na? Ngubani ongaba sisigidimi sethu?”
Ke mna ndiphendule ndathi: “Thuma mna; ndiyaya!” - Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo; nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukuhleba
Umntu onobugwenxa udala ingxabano...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,uyaziva zonke iincwina zam.