- Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
- Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni. - Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona. - Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam. - Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono. - Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,
amazwi am neengcamango zentliziyo yam,
wena mkhuseli wam nomkhululi wam. - Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule
kumaxoki nakubakhohlisi.” - Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi. - Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;
amazwi akhe ambizela ukubethwa. - Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya. - Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;
ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela. - Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.
- Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki. - Ewe, umntu angázicingela ukuba ulikholwa; kodwa uyazikhohlisa ukuba akakwazi ukulawula ulwimi lwakhe. Ingamampunge nje into yokuba ulikholwa.
- Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.
- Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo. - Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu. - Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.
- Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.
- Ndithi ndakungasivumi isono sam,
amandla atsho andiphelele,
ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke. - Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha. - Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo. - Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,
nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho. - Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;
amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu. - Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukuhleba
Umntu onobugwenxa udala ingxabano...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...