DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ubomi obungunaphakade (2/2)

  • Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
    akayi kubafulathela abantu bakhe.
    Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
    kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.
  • Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.
  • Athembekile la mazwi athi:
    “Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.”
  • Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!
  • Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
  • Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.
  • Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
    ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
  • Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.
  • Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
  • Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile wasinika ukuqonda, ukuze simazi uThixo onguye ngenene. Thina simanywe nalowo unguThixo ngenene, kuba kaloku simanywe noNyana wakhe uYesu Krestu. Yena ke unguThixo ngenene; nguye obona bomi bungenasiphelo.
  • Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;
    igama lakho ndolibonga nanini nanini.
  • Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele. Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.
  • Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.
  • Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo.
  • Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.”
  • Othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.
  • Wathi ke uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?” UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela