- Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”
- Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke. - Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.
- Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
nguye oya kusisindisa. - Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo.
- Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.
- Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho. - UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa. - Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
- Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
khawubathamsanqele ke abantu bakho! - Utsho uThixo ophakamileyo,
uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
kanti ndiyahlala nasebantwini –
kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
ndibakhuthaze abo bazinikelayo.” - Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.
- Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.
- Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini. - Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
- Wona angumqondiso owalatha ubhaptizo olusindisa nina ngoku. Ubhaptizo alukuko ukuhlanjwa kokungcola komzimba, lusisithembiso esenziwa kuThixo ngomxhelo wonke. Lusindisa ngamandla okuvuka kukaKrestu.
- Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
- Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva. - Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise! - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,
sipheth' iindaba ezimnandi,
sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
“UThixo wakho uyalawula.” - Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
- UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”
- Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...