- Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
- Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho. - Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- Yibongeni iNkosi!
Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu. - Ke mna ndonikela kuwe ngedini,
ndihlabele iculo lokukudumisa.
Ndosifezekisa isibhambathiso sam.
Usindiso lukuNdikhoyo. - Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.
- Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo. - Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.
- Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo.
- Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!
Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!
Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;
siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo. - Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho. - NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
- Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe.
- Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.
- UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.”
- Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.Ivesi elandelayo!