- UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile. - Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule. - Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.
- IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”
- Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa. - Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
- Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.
- Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.
- UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
- Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo. - Kodwa ke, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.” Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.
- Izibele zakho zibalasele ezulwini;
ukuthembeka kwakho kurhec' amafu. - Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile. - “Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo. - Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo. - Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;
ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela. - Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;
kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo. - YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;
iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi. - Yithi ke kubo: ‘Itsho iNgangalala enguNdikhoyo ukuthi: Akukho lizwi lam liza kulityaziswa; konke endikuthethileyo kuza kwenzeka! Nditshilo nje mna Nkosi Ndikhoyo nditshilo.’
- Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. - Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo. - Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe. - Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso. - NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
