- Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso. - Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi. - Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule. - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;
lizele ihlabathi zizibele zakhe. - Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla. - Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam. - Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
- ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
- Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini. - Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.
- Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.
- UThixo yena akamntu;
akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.
Akakufezekisi na akuthembisileyo?
Akakuphumelelisi na akuthethileyo? - Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe. - Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.
- Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.” - Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.
- NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.
- Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,
kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi. - Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
- Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
- UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Yizani siqubude simnqule,siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.