- Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli. - UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo. - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam. - Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi. - Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla. - Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
- UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;
lizele ihlabathi zizibele zakhe. - UThixo yena akamntu;
akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.
Akakufezekisi na akuthembisileyo?
Akakuphumelelisi na akuthethileyo? - Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini. - Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.
- ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
- Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.
- Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe. - Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.” - Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.
- Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.
- NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.
- Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,
kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi. - Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
- UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo. - Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
