- Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
- Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe! - Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.
- LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;
ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. - Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.
- Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.
- Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano.
- Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.
- Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.
- Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.
- Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu. - Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela.
- Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo.
- Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe. - Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele. - Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.
- Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.
- Masintyiloze sidumise uNdikhoyo,
kuba wenze imisebenzi emikhulukazi;
olu daba malufikelele ehlabathini jikelele. - Thandazani ke ngoko nina nithi:
“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’ - Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.
- Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.”
- Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini. - Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.
- Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo; nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani.
- Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.