DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Usindiso (2/4)

  • Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
    umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
    nokuba awungevelisi nto umnquma,
    namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
    zingade zingabikho iigusha esibayeni,
    nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
    ewe, khona kungade kube njalo,
    kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
    ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
  • Kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”
  • Kum uxabisekile ke kambe;
    yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
    Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
    ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
  • Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
    UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.
  • Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.
  • Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.
  • Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.
  • Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
  • Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
  • Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
  • Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.
  • Esi sisizathu esibangela ukuba abe nako ukubasindisa ngokupheleleyo abo beza ngaye kuThixo, njengoko ehlala ehleli ebathethelela.
  • Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.
    NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
    Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
    Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.
  • Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.
  • Ngoku ke, mawethu, ndithanda ukunikhumbuza ngeendaba ezimnandi zikaThixo endanishumayeza zona; ezo nazamkelayo, enimi nithe zinzi kuzo. Ludaba lukaThixo ke olo, enosindiswa ngalo ukuba nibambelele ngokuthe nkqi kulo ngale ndlela ndinishumayeza ngayo – ngele kokuba ke nafumana nakholwa lilize nje.
  • Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
    Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
    Kaloku nguwe udumo lwam.
  • Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
  • Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
    awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
    UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
    ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.
  • Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.
  • Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.
  • Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.
  • Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
    njengempumalanga nentshonalanga.
  • Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda.
  • Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”
  • Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.

Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
nguye oya kusisindisa.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela