- Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
nokungathobeli kwam umthetho wakho;
kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo. - Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
- Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.”
- Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.
- Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abo bazono zabo zingcwatyiweyo. - Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.
- Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
- Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.
- Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha. - Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.
- Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
- Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.
- Mayela nale micimbi, akuba umntu eziqondile ukuba wonile, makasivume isiphoso sakhe.
- Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
- Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni. - Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo. - Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.
- Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.
- Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.
- Sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.
- Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.
- Kodwa ke iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
- Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
- Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
- Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ukusulungekiswa
Xa ke kanti, mawethu...
