- Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
- Ewe, uNdikhoyo uthi:
“Yizani, khe sithetha-thethane.
Noba sewudyobheke wankone sisono,
mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.” - Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni. - Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;
ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe. - Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,
kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo. - Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
- Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
- Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.
- Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe. - Khanizicoce nibe nyulu!
Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
yekani ukwenza izinto ezinje;
mandingaze ndiphinde ndizibone. - Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.
- Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi. - Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
- Njengoko noKrestu wamelanayo nale ntlupheko yalo mhlaba, ngokunjalo ke nani zimiseleni, nifuze yena. Kaloku umntu ocikidiweyo yintlupheko uyalumleka esonweni.
- Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.
- Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa. - Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa.
- Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho. - Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.
- Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.
- Ndithi ndakungasivumi isono sam,
amandla atsho andiphelele,
ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke. - Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.
- Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.
- Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.
- Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ukusulungekiswa
Xa ke kanti, mawethu...
