- Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.
- Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.
- Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele. - Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,
ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.
Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo
ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho. - Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.
- Obo buncinanana linabo ilungisa,
bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
awenzelelele wona amalungisa. - Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo. - Nangoku wobuya uvelane nathi,
izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle. - Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni!
- Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
- Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.
- Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.
- Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.
- Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
- Kodwa ubafulathele abenzi bobubi,
abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni. - Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho. - UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.
- Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya. - Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo.
- Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
- Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
- Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
- Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.
- Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
- Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ukusulungekiswa
Xa ke kanti, mawethu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.Ivesi elandelayo!
