DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Isono (4/6)

  • Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.
  • Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,
    ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.
    Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo
    ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho.
  • Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
    Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
    angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
    Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
    kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
  • Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.
  • Obo buncinanana linabo ilungisa,
    bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
    kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
    awenzelelele wona amalungisa.
  • Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.
  • Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
    phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.
  • Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni!
  • Nangoku wobuya uvelane nathi,
    izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
    uzilahle lee iziphoso zethu,
    uzintywilisele enzulwini yolwandle.
  • Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.
  • Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
  • Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.
  • Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.
  • Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
  • Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
    ngenxa yesidima segama lakho.
    Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.
  • Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
    nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
    Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.
  • Kodwa ubafulathele abenzi bobubi,
    abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.
  • UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.
  • Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
  • Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
  • Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo.
  • Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
  • Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
  • Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
  • Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.

Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
Funda ngokugqithisileyo...