- Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
- Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
- Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.
- Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.
- Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
- Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”
- Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
- Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
- Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
- Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.
- Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.
- Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.
- Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono.
- Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
- Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.
- Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
- Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
- Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.
- Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.
- Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe.
- Wathi ke uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?” UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo.
- Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.”
- Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta, nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
- Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’
Izihloko ezinxulumeneyo
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ukusulungekiswa
Xa ke kanti, mawethu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;liyandikhanyisela eluhambeni.Ivesi elandelayo!