- Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
- Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo. - Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa. - Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.
- Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo. - Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina. Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.
- Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo. - Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.
- Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile. - Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni. - Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;
ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;
indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo. - Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
- Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe. - Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile. - YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;
iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi. - Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
- Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
- Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,
ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka. - Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
- Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha. - Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni. - Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo. - “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.
- Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Umgwebo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo...
