- UNdikhoyo unobubele, ulungile.
Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
abafundise indlela yakhe abalulamileyo. - Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo. - Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
- UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.”
- Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,
ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha. - Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo. - Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile. - Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile. - Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo. - Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
- Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;
ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;
indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo. - Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe. - Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.
- Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni. - Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
- Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
- YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;
iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi. - Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha. - Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
- Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,
sihlala sijonge kuwe;
umnqweno neqhayiya lethu nguwe. - Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.
- Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni. - Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!
- Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Umgwebo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
