DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ubulungisa (3/5)

  • Obo buncinanana linabo ilungisa,
    bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
    kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
    awenzelelele wona amalungisa.
  • Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!
    Wena lungisa, uzundihlangule!
  • Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.
  • Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
    kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.
  • Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.
  • Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
    umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
    Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
    ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
    ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
    ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
  • Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
    ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
    Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
    kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.
  • Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
  • Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.
  • UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
    unobubele kuko konke akwenzayo.
  • Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.
  • Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
    sive isikhungo sam.
    Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.
  • Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
    nibonelele iintsizana namahlwempu.
  • Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu.
  • Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
    usazungula ukunibabala ngesisa.
    Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
    hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!
  • Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.
  • Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
  • Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.
  • Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
  • Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.
  • Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
  • Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;
    kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
    Xa ulohlwaya ihlabathi
    abemi balo bafunda ngobulungisa.
  • Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.
  • Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
    aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.
  • Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
    oqaphelayo uya kukwazi oku.
    Iindlela zikaNdikhoyo zithe ngqo.
    Ke amalungisa ahamba ngazo;
    ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.

UNdikhoyo unobubele, ulungile.
Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
abafundise indlela yakhe abalulamileyo.
Funda ngokugqithisileyo...