- Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,
ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka. - “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.
- Amandla akhe amtsho angafikeleleki;
usulungekile, ebalasele ngobulungisa;
akukho bani amcinezelayo. - Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
- Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.
- Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
- Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa. - NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
- UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
umphakamisi wâbo bawileyo.
UNdikhoyo ngumathand' amalungisa. - Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi. - Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
ethobekile, ekhwele idonki,
nditsho ithole, inkonyane yedonki. - Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
yena wosuka abe novelwano lilo.
Malize kuThixo wethu,
kuba yena uxolela kangangoko. - Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.
- Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.
- Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
nina benza umyalelo wakhe.
Zingelan' ubulungisa nentobeko,
mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo. - Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
- Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana.
- Emhlabeni akukho mntu ulilungisa
owenza okuhle kuphela angoni.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Umgwebo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.Ivesi elandelayo!
