DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ukuthobeka (2/2)

  • Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
  • Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;
    abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!
  • Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
  • Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
    ewe, makudunyiswe igama lakho,
    ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
  • Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.
  • Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
    ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa.
  • Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
    Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
    Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
    Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
  • Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
  • Yizani siqubude simnqule,
    siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.
  • Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.
  • Kuba iziBhalo zithi:
    “Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
    zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
  • Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.
  • Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.
  • Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
    engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
  • Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
    ndive, ndakuzibika kuwe.
    Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
    kuba ndiselugcinweni lwakho,
    nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
  • Thandazani ke ngoko nina nithi:
    “ ‘Bawo wethu osezulwini:
    Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
    malongame ulawulo lwakho,
    makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’
  • Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
    Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
    Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
    ethobekile, ekhwele idonki,
    nditsho ithole, inkonyane yedonki.
  • Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
  • Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
    nina benza umyalelo wakhe.
    Zingelan' ubulungisa nentobeko,
    mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Abangenabani ubenzela izihlobo.
Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;
ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela