DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noMtyholi

  • Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.
  • Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
  • Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
  • Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.
  • Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.
  • Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.
  • Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.
  • Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.
    Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
  • Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.
  • UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.” USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
  • Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
    ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.
  • Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
  • Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
  • Ungasiyekeli ekulingweni,
    koko sihlangule kumtyholi;
    kuba ngenene nguwe olawulayo,
    namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.
  • Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
  • UPetros wabuza wathi: “Hananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho? Umhlaba wakho ubungowakho phambi kokuba uwuthengise, nemali yawo ibiyeyakho emveni kokuba uwuthengisile. Kungani ke ukuba ufike kwisigqibo sokwenza into enje? Awuxokisanga mntu, uxokise uThixo.”
  • UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
  • Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
  • Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
  • Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela