DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Intsikelelo (3/4)

  • Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.
  • Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,
    ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka.
  • Ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.
  • Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!
  • Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,
    eso asinyule sangabantu bakhe.
  • Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
    ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.
  • Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
  • Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
    ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.
  • Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.
  • Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
    aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.
  • Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
    abo bazono zabo zingcwatyiweyo.
  • Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!
    Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!
    Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;
    siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.
  • Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
    kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.
  • Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,
    uze udle ubomi iminyaka emininzi.
  • Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!
  • UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, wanyuswa wasiwa ezulwini.
  • Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
    engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
  • Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda.
  • Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho.
  • UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.”
  • Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.
  • Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.
  • Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.
  • Ewe, unenyhweba umntu olulekwa nguThixo;
    ngoko ke sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!
  • Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.”

Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.
Funda ngokugqithisileyo...