DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Intsikelelo (2/4)

  • Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
  • Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!
  • “Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.”
  • Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.
  • Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
    uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
    ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.
  • Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,
    ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
    umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.
  • UNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela ngokwesithembiso sakhe. Niya kuba nako ukubolekisa ezizweni, kodwa nina ngokwenu ningaboleki nto mntwini. Niya kuba namagunya phezu kwezizwe, kodwa nina akukho sizwe siya kuba namagunya phezu kwenu.
  • Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
  • Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo.
  • Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.
  • Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
    ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.
  • Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
    ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
    Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
    atsho omelezeke amathambo akho.
  • UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
  • Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!
  • Wanga angabaph' amandl' abantu bakhe;
    wanga angabathamsanqela abaph' inzolo.
  • Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;
    ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.
  • Ndohlala ndimbonga uNdikhoyo;
    andisayi kuyeka ukumdumisa.
  • Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.
  • Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;
    abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!
  • Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
  • Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”
  • Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.
  • Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
    khawubathamsanqele ke abantu bakho!
  • Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,
    ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
  • Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.

Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela