- Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.
- Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
- Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
- Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,
uze udle ubomi iminyaka emininzi. - Utsho uThixo ophakamileyo,
uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
kanti ndiyahlala nasebantwini –
kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
ndibakhuthaze abo bazinikelayo.” - Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:
“Quqelani kum, niphile.” - Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.
- Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.
- UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa. - LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;
ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. - Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.
- Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.
- Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu. Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi.
- Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.
- Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.
- Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo. - Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe. Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.
- Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.
- Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.
- Kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
- Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
- Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya.
- Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
- Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;masizonwabise sibe nemihlali ngayo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.Ivesi elandelayo!
