DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ubomi (5/6)

  • Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
  • Kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
  • Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
  • Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
  • Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
    Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”
  • Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
    lona liyafana nemini yezolo,
    lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.
  • Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
  • Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.
  • Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
  • Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,
    ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi.
  • UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam.
  • Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.
  • Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.
  • Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.
  • Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
    netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
    Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
    yena wosuka abe novelwano lilo.
    Malize kuThixo wethu,
    kuba yena uxolela kangangoko.
  • Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.
  • Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.
  • Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”
  • Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.
  • Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!
  • Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.
  • Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,
    size sibuyele kuNdikhoyo.
  • Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.
  • Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.
  • Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.

Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela