- Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”
- Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila, kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.
- Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
kuba ndibufumana kuyo ubomi. - Wena undazisa iindlela zobomi;
kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade. - Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.
- Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke.
- Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.
- Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.
- Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
- Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni. - Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
- Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.
- UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
- Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.
- Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa. - Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.
- Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.
- Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela.
- Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.
- Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.
- Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
- Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?
- Kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’
- Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,
ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,
ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.” - UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;masizonwabise sibe nemihlali ngayo.
