- Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.
- Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho. - Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;
okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba. - Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.
- Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
- Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.
- Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.
- Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
masizonwabise sibe nemihlali ngayo. - Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.
- Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi. - Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.
- Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
Akukho nto inokuyinyanga,
kungekho bani uyiqondayo.
Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
nomvavanyi weengcinga zabo.
Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe. - Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
- Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo. - Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.
- Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.
- Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.
- Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,
ukuze ihambo yakho iqiniseke. - Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo. - Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.
- Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”
- Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.
- Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi. - Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.
- Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.Ivesi elandelayo!
