DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ubomi (4/6)

  • Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.
  • Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.
  • Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.
  • UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
  • Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:
    “Quqelani kum, niphile.”
  • Utsho uThixo ophakamileyo,
    uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
    “Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
    kanti ndiyahlala nasebantwini –
    kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
    ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
    ndibakhuthaze abo bazinikelayo.”
  • Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.
  • LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;
    ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.
  • UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
    bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.
  • Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
    khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
    Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
    ndikunqule ndingankwalambisi.
  • Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.
  • Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.
  • Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.
  • Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu. Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi.
  • Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.
  • Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
    nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo.
  • Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.
  • Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe. Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.
  • Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
  • Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.
  • Kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
  • Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.
  • Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
    Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”
  • Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
    lona liyafana nemini yezolo,
    lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.
  • Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
    ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.

Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela