- Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;
kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi. - Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge. - Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda. - Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo. - Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho. - Bukwanjalo ukuyola kobulumko:
ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa. - Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo. - Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo. - Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!
- Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;
ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala. - Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!
Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam! - Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini! - Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,
ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso. - Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
- Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.
- Mfo wam, ndingonwaba kakhulu
xa ingqondo yakho idlamkile. - Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi. - Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko. - Isiyatha asiwulawuli umsindo;
kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe. - Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;
amazwi akhe ambizela ukubethwa. - Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;
kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko. - Unebhongo umzali womntwana olilungisa;
ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe. - Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
bendinganiphokozela umoya wobulumko,
ndabelane nani ngolwazi lwam. - Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
- Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
Ingqondo
Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Umsindo
Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Yizani siqubude simnqule,siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!