DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Umthetho (3/5)

  • Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.
  • Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina. Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.
  • Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.
  • Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
  • Aa! Bayethe, Mhlekazi!
    Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
    oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
  • Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.
  • Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.
  • Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa ngumthetho kaMosis nangabashumayeli bamandulo. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.
  • Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’
  • Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
  • Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.
  • Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
    xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.
  • Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.
  • Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.
  • Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.
  • Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
  • Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
    ewe, iluyolo entliziyweni.
  • Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
  • Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
  • Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
    kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.
  • Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.
  • Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
    kuba ndibufumana kuyo ubomi.
  • Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,
    sihlala sijonge kuwe;
    umnqweno neqhayiya lethu nguwe.
  • Kum ziluyolo izithethe zakho;
    zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.
  • Sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.

NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela