- Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;
ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho. - Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.
- Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele. - Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! Amen.
- Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.
- Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.
- Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
- Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke. - Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
- Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”
- Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.
- Kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”
- Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.
- Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini! - Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,
ndikubulela kuba wena undizimasile.
Undithe jize ngobulumko namandla.
Nangoku wena undityhilele,
wawuphendula umthandazo wethu.
Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani. - Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,
ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi. - Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!” - Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo. - Masintyiloze sidumise uNdikhoyo,
kuba wenze imisebenzi emikhulukazi;
olu daba malufikelele ehlabathini jikelele. - Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho. - Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.
- Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele. - Abafazi bona mabandileke, banxibe ngesidima, bathozame; iinwele bangazihombisi ngokugqithisileyo. Mabangayokozeli ngamaso egolide, nawamatye exabiso, bawunduzelise ngeelokhwe zeendleko. Ndaweni yaloo nto mababe nemisebenzi emihle efanele amakhosikazi abanga igama lobuKrestu.
- Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
- Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga, zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Dumisani
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ukucula
Kodwa ke mna ndiya...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.