DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Uthando (3/5)

  • Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
    ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
    Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
    kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.
  • Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
    luya kubalasela uthando lwakho.
    Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
    ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.
  • Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
    ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
    Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
    ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.
  • Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.
  • Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.
  • Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.
  • Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.
  • Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.
  • Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
  • Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
    wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.
  • Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.
  • Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.
  • “Ewe, iintaba zingadilika,
    ke zona iinduli zinyamalale,
    kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
    nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
    Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.
  • Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.
  • Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”
  • Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
  • Izibele zakho zibalasele ezulwini;
    ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.
  • Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.
  • Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.
  • Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.
  • Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
    uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.
  • Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.
  • Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.
  • Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
  • Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.

Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela